1. Ke kaloku amaSirayeli anduluka, aza aya kumisa kumathafa aseMowabhi, kwimpuma yeJordan, malunga neJeriko.
2. Uthe ke uBhalaki, ukumkani waseMowabhi, unyana kaZipore, akuziva izigigaba zamaSirayeli phakathi kwama-Amori,
3. akubuqonda nobungakanani bawo, suka yena nabantu bakhe bankwantya.
4. Ke amaMowabhi athetha neenkokheli zamaMidiyan, athi: “Eli hlokondiba losuka livuthulule nje konke kule ngingqi yethu, kanye oku kwenkunzi yenkomo igramza ingca edlelweni.”Ngoko ke ukumkani uBhalaki
5. wathumela kuBhalam unyana kaBhehore owayesePetore ngakumlambo iEfrati, kumhlaba wamawabo. Umyalezo lowo wawusithi: “Ndiyakwazisa ukuba kukho isizwe esifikileyo apha siphuma eJiputa. Abantu baso banwenwele kulo lonke eli, futhi sebefike kwimida yam.