Eyasentlango 21:30-35 Ibhayibhile (XHO96)

30. Kunamhlanje nje isizukulwana sibhangilekusukela eHeshbhon kuye kuthi gaa ngeDibhon;sivuthulule eNofa,sada saya kuthi xhaxhe ngeMedebha.”

31. Aba ngaloo ndlela ke amaSirayeli ayawuma umhlaba wama-Amori.

32. UMosis wathumela iintlola, zaya kujonga indlela yokuhlasela isixeko iJazere. Ngenene ke amaSirayeli ayihlasela iJazere needoluphu eziyingqongileyo, bawagxotha ama-Amori awayemi apho kuzo.

33. Ke kaloku amaSirayeli ajika ajonga eBhashan. UOgi, ukumkani waseBhashan, waphuma nomkhosi wakhe, wawahlasela e-Edreyi.

34. *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Ungaxhali wena; naye lo ndiza kumenza abe lixhoba lakho ndawonye nomkhosi nomhlaba wakhe. Qhuba kwangalaa ndlela wawenze ngayo kuSihon ukumkani wama-Amori owayehlala eHeshbhon.”

35. Ngoko ke amaSirayeli ambulala uOgi noonyana bakhe, ngokunjalo nabo bonke abantu bakhe, akashiya nempunde le. Ke wona loo mhlaba wakhe ema kuwo.

Eyasentlango 21