Eyasentlango 21:21-26 Ibhayibhile (XHO96)

21. AmaSirayeli athumela izigidimi kuSihon ukumkani wama-Amori, athi:

22. “Sivumele sinqumle elizweni lakho. Asiyi kuphambukela emasimini okanye ezidiliyeni, okanye sisele amanzi emaquleni. Siya kuhamba ngqo ngohola, side siphume emhlabeni wakho.”

23. Kambe ke uSihon akavumanga ukuba amaSirayeli anqumle emhlabeni wakhe. Ndaweni yaloo nto waphuma nomkhosi wakhe, waya eJaza entlango, wawahlasela amaSirayeli.

24. Kodwa ke amaSirayeli alwa alalis' ugodo, aloyisa utshaba ada awuthimba umhlaba walo, ukusukela kumlambo iAnoni ngasentla, ukuya kwiJabhoko; lelama-Amon ke elo. Kaloku umda wama-Amon wawukhuselwe.

25. Ngoko ke amaSirayeli azithatha zonke izixeko zama-Amori, ngokunjalo neHeshbhon needolophu eziyingqongileyo, aza ema kuzo.

26. IHeshbhon le ke yayisisixeko esilikomkhulu likaSihon, ukumkani wama-Amori. Wayelwe nokumkani wamandulo waseMowabhi, waza wawuhlutha umhlaba wakhe ukuya kuma ngomlambo iAnoni.

Eyasentlango 21