17. Ngelo thuba ke amaSirayeli amemelela enjenje:“Khawutsabis' amanzi, qulandini!Ke thina sowamkela ngengoma.
18. Iqula elimbiwe ngamatshawe,elingumsebenzi wezikhulu zasebantwini;elimbiwe ngomsimbithi wasebhotwe,ngokunjalo neentonga zakhona.”Ukuphuma apho entlango ke baya kugaleleka eMatana;
19. baza ke ngokunjalo bagqitha eNahalile naseBhamoti,
20. bandula ke ukuya kufika kwintili ekumhlaba wamaMowabhi, phantsi kwentaba iPisga ekrobele umqwebedu.
21. AmaSirayeli athumela izigidimi kuSihon ukumkani wama-Amori, athi:
22. “Sivumele sinqumle elizweni lakho. Asiyi kuphambukela emasimini okanye ezidiliyeni, okanye sisele amanzi emaquleni. Siya kuhamba ngqo ngohola, side siphume emhlabeni wakho.”
23. Kambe ke uSihon akavumanga ukuba amaSirayeli anqumle emhlabeni wakhe. Ndaweni yaloo nto waphuma nomkhosi wakhe, waya eJaza entlango, wawahlasela amaSirayeli.
24. Kodwa ke amaSirayeli alwa alalis' ugodo, aloyisa utshaba ada awuthimba umhlaba walo, ukusukela kumlambo iAnoni ngasentla, ukuya kwiJabhoko; lelama-Amon ke elo. Kaloku umda wama-Amon wawukhuselwe.
25. Ngoko ke amaSirayeli azithatha zonke izixeko zama-Amori, ngokunjalo neHeshbhon needolophu eziyingqongileyo, aza ema kuzo.