14. Yiyo loo nto ke iNcwadi yamaDabi *kaNdikhoyo ithetha ngezi ndawo nje:“Idolophu iWahebhi kwingxingwa kaSufa;umlambo iAnoni,
15. namathambeka eentilieziyokuthi xhaxhe ngedolophu iAra,ukuya kuqhina kumda wamaMowabhi.”
16. Ukuphuma apho ke aya kufika kwindawo ekuthiwa kuseBhere. Lelaa qula ke eli apho uNdikhoyo wathi uMosis makawaqokelele amaSirayeli, azokuwapha amanzi.
17. Ngelo thuba ke amaSirayeli amemelela enjenje:“Khawutsabis' amanzi, qulandini!Ke thina sowamkela ngengoma.
18. Iqula elimbiwe ngamatshawe,elingumsebenzi wezikhulu zasebantwini;elimbiwe ngomsimbithi wasebhotwe,ngokunjalo neentonga zakhona.”Ukuphuma apho entlango ke baya kugaleleka eMatana;