Eyasentlango 20:21-24 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ke kaloku amaSirayeli ajika athatha ndlela yimbi, kuba amaEdom ewalela ukuba anqumle emhlabeni wawo.

22. USirayeli ephela wanduluka ke eKadeshe, waza waya kugaleleka kwintaba iHore

23. kufutshane nomda wase-Edom. Apho ke *uNdikhoyo wathetha noMosis noAron, wathi:

24. “Wena Aron, uza kufa; akuzi kuya kufika kwelo lizwe ndamthembisa ngalo uSirayeli. Kaloku nina nobabini nawuvukela umthetho wam eMeribha.

Eyasentlango 20