Eyasentlango 20:20-28 Ibhayibhile (XHO96)

20. AmaEdom athi: “Anizukunqumla!” Aza ke amaEdom asuka nomkhosi omkhulu, afunza kumaSirayeli.

21. Ke kaloku amaSirayeli ajika athatha ndlela yimbi, kuba amaEdom ewalela ukuba anqumle emhlabeni wawo.

22. USirayeli ephela wanduluka ke eKadeshe, waza waya kugaleleka kwintaba iHore

23. kufutshane nomda wase-Edom. Apho ke *uNdikhoyo wathetha noMosis noAron, wathi:

24. “Wena Aron, uza kufa; akuzi kuya kufika kwelo lizwe ndamthembisa ngalo uSirayeli. Kaloku nina nobabini nawuvukela umthetho wam eMeribha.

25. Ngoko ke, wena Mosis, thatha uAron nonyana wakhe uElazare, uye nabo kwintaba iHore.

26. Khona apho ke uze uyithathe iminweba ka-Aron yobubingeleli, uyinxibe uElazare unyana wakhe, kuba uAron yena uza kufa.”

27. UMosis wenza ngokwelizwi likaNdikhoyo. Benyuka baya kwintaba iHore, lonke ibandla libukele,

28. waza uMosis wayikhulula iminweba yobubingeleli kuAron, wayinxiba uElazare. Ke yena uAron wafela apho phezu kwentaba, baza ke uMosis noElazare behla entabeni.

Eyasentlango 20