Eyasentlango 2:1-2 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nantsi imiyalelo eyanikwa uMosis noAron *nguNdikhoyo:

2. “Kolu hambo lwenu apho nimisa khona hlalani ngolu hlobo: Indoda nganye mayime kummandla wembasa yakowayo phantsi kwentshinga kayise. Ukuma kwawo amaSirayeli makajikeleze isibingelelo.

10-16. “Kwicala langasezantsi kuya kuma abembasa yendlu kaRubhen ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaRubhen uElizure kaShedeyure 46 500 AbakwaSimon uShelumiyeli kaZurishadayi 59 300 AbakwaGadi uEliyasafu kaDuweli 45 650 Bebonke: 151 450 AbakwaRubhen ke baya kulandela.

18-24. “Kwicala lasentshona kuya kuma abembasa yendlu kaEfrayim ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaEfrayim uElishama ka-Amihudi 40 500 AbakwaManase uGamaliyeli kaPedazure 32 200 AbakwaBhenjamin uAbhidan kaGidiyoni 35 400 Bebonke: 108 100 Kolo ludwe ke abakwaEfrayim boba ngabesithathu.

Eyasentlango 2