41. Ngomhla olandelayo ke ibandla lakwaSirayeli liphela lakhalazela uMosis noAron lisithi: “Nina nibulele abantu *bakaNdikhoyo.”
42. Emva kokuba beqokelelene bagwayimbela uMosis noAron, bajika basingisa *ngasesibingelelweni, baza balibona ilifu lisigqumile ngequbuliso, ngokunjalo kwabonakala nobungangamsha bukaNdikhoyo.
43. UMosis noAron baya kuma phambi kwesibingelelo.
44. Ke uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:
45. “Buy' umva, nikhwebuke kwaba bantu; ndiza kubatshabalalisa ngephanyazo!”Kwesi sithuba ke bobabini bawa ngamadolo;
46. waza ke uMosis wabhekisa kuAron wathi: “Thatha umcephe wakho womlilo, ugalele amalahle owathatha kwiqonga lamadini, uthi saa isiqhumiso. Wakugqiba ke, khawuleza uye phaya ebantwini ubacamagushele. Khawulezisa, kuba uNdikhoyo uyavutha ngumsindo, ibe ke sezibonakala iimpawu zikabhubhani.”