Eyasentlango 15:22-24 Ibhayibhile (XHO96)

22. Waqhuba wathi *uNdikhoyo: “Xa kwenzekile ukuba umntu othile ayaphule ngempazamo le miyalelo inikwe uMosis nguNdikhoyo,

23. mhlawumbi kwenzeke ukuba izizukulwana ezizayo zamaSirayeli ziyiphazame ngokungaqondi le miyalelo, koqhutywa ngolu hlobo:

24. Ukuba loo mpazamo yenzeke ngokungaqondi kwebandla liphela, kofuneka kuthathwe inkunzi eselula yenkomo, kwenziwe idini elitshiswayo ngayo – dini elo ke lithandekayo kuNdikhoyo – likhatshwe ngokomgaqo ngumnikelo wokutya nothululwayo, kongezwe nenkunzi yebhokhwe, ibe lidini lesono.

Eyasentlango 15