Eyasentlango 14:36-37-42 Ibhayibhile (XHO96)

4. Baza ke bacebisana bathi: “Masizikhethele inkokheli yokusibuyisela eJiputa.”

5. Kwesi sithuba ke uMosis noAron bathi guqaqa apho phambi kwebandla lakwaSirayeli liphela.

6. Ke yena uYoshuwa unyana kaNune, noKalebhi unyana kaJefune, abanye bezaa ntlola, basuka baziqwenga iimpahla zabo ngenxa yokukhathazeka,

7. baza babhekisa kumaSirayeli, bathi: “Hayi bo! Elaa lizwe sivela kulijonga lelihle kunene.

8. Ukuba uNdikhoyo uyakholwa sithi, uza kusisa kulo, alinikezele kuthi, yeka ke kambe indyebo yalo – liyintombazana!

9. Nto nje nina musani ukumvukela uNdikhoyo, ningabaxhaleli nabemi belo lizwe, kuba siya kuboyisa lula. UNdikhoyo ungakuthi, ibe ke bona bakukutya kwethu, kuba *izithixo zabo azinakubanceda. Hayi bo, sanukuba nadyudyu ngenxa yabo!”

36-37. Ezaa ntlola zazithunywe nguMosis kwelaa lizwe zabuya nengxelo engatshongo khona ngalo, yawatsho amaSirayeli amkhalazela uNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo wawabetha ngobhubhani afa.

38. Kwelo shumi linambini leentlola kwasinda uYoshuwa noKalebhi kuphela.

39. AmaSirayeli enza isijwili esilusizi uMosis akuwaxelela into ethethwa *nguNdikhoyo.

40. Ke kaloku avuka ekuseni ngomhla olandelayo, aphuma esiya kweleentaba. Ayevuma esithi: “Ngenene sonile; kodwa ke ngoku sikulungele ukuya kulaa ndawo ebethe masiye kuyo uNdikhoyo.”

41. Kambe ke uMosis wawanqanda esithi: “Kutheni nitsiba umyalelo kaNdikhoyo nje?

42. Aniyi kuba nampumelelo. Musan' ukuya, kuba uNdikhoyo akakho ngakuni; ngoko ke niya koyiswa ziintshaba.

Eyasentlango 14