22. Ngoko ke akukho nanye indoda kwaba bantu eya kufika kwelo lizwe. Kaloku babubonile ubukhazikhazi obuntama ukuba ndikho, ndawonye nemiqondiso endayenza eJiputa nakule ntlango; kodwa nakuba kunjalo bayaphindelela ukundivavanya, besala ukundithobela.
23. Soze athi cakatha kwelo lizwe ndathembisa ngalo ooyise ngesifungo. Soze bangene kulo bonke abandidelayo.
24. “Kambe sona isicaka sam uKalebhi akafani nabo. Yena waba soloko endithobela, ngoko ke yena ndiya kumngenisa kwelo lizwe walibonayo, yena nesizukulwana sakhe.
25. Njengoko loo mhlaba untili zawo zimiwe ngama-Amaleki namaKanana ngoku, jikani ngomso, nihambe niye entlango ngecala loLwandle oluBomvu.”
26. *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis noAron, wathi:
27. “Kanti koda kube nini ezi zikhohlakali zabantu zindikrokrela? Hayi, ndanele zizikrokro zabo!
28. Ngoko ke baxeleleni ukuba ndithi: ‘Ngenene, ndingophilayo nje, ndiyafunga, ndiza kunenzela kanye le nto niyithethileyo. Nditsho mna Ndikhoyo.
29. Niza kufa, zaye ke izidumbu zenu ziya kuqungquluza kule ntlango. Kaloku niyandikhalazela, ngoko ke bonke ababudala bungaphezu kwamashumi amabini soze bangene kwelo lizwe.
30. Ndathembisa ukuba elo lizwe loba lelenu, kodwa akukho namnye kuni uya kulifumana, ngaphandle kukaKalebhi noYoshuwa.
31. Abo bantwana benu nina nithe boba ngamaxhoba mna ndiza kubangenisa kwelo lizwe nilibukulayo nina, lize limiwe ngabo.