1. Ke kaloku uMosis wayethathe umKushekazi, kwaza ngenxa yeso sizathu uMiriyam noAron bamgxeka.
2. Babesithi: “*UNdikhoyo ngaba uthethe ngomlomo kaMosis kuphela na? Kanene akathethanga na nathi?” Kambe ke uNdikhoyo wakuva oku kuthetha kwabo. (
3. Lo mfo unguMosis ke wayelilulama, kungekho mntu ufika kuye ngokuthoba ehlabathini liphela.)
4. UNdikhoyo wathetha ngoko nangoko noMosis noAron noMiriyam, wathi: “Yiyani phaya *esibingelelweni nobathathu.” Ngenene ke baya,
5. waza uNdikhoyo wehla ngelifu, waya kuma esangweni lesibingelelo. Wasuka ke wabiza uAron noMiriyam. Bakuba bezile ke,
6. uNdikhoyo wathi: “Phulaphulan' apha! *Kumshumayeli onokubakho phakathi kwenu ndizibonakalisa ngemibono, ndithethe naye ngamaphupha.
7. Akunjalo ke kodwa kwisicaka sam uMosis; yena lithenjwa kwindlu yam iphela.
8. Ngoko ke yena ndithetha naye ubuso ngobuso, hayi ngezangotshe. Ewe, mna ngokwam ndiyazibonakalisa kuye. Hee! Ngani ke ukuba ningoyiki ukuthetha kakubi ngesicaka sam uMosis?”