4. Ke kaloku phakathi kwamaSirayeli kwakukho ingxubevange yabantu. Bona ke basuka bangenelwa kukurhala, aza namaSirayeli angenelela, akhalaza athi: “Awu, akwaba besinokukhe sifumane inyama!
5. Khawufan' ucinge; kaloku eJiputa intlanzi sasiyitya side siyishiye, singayithenganga nokuyithenga. Awu, yeka loo nkonkomire, naloo vatala, nelo hanyanisi, nelo tswele, nezo kinofile sasizixhaphaza!
6. Uyabona ke ngoku seside sakruquka; ibe ke akukho nakutya ngaphandle kwale mana.”
7. Imana leyo ke ibilingana nembewu yekoriyanda, imhlotshana oku kwentlaka.
10. UMosis weva imizi ngemizi yamaSirayeli ikhalaza. Wev' intw' embi, kuba umsindo *kaNdikhoyo wasuka wavutha.
11. Wabhekisa kuNdikhoyo wathi: “Ngani ukuba undiphathe kanje, Mhlekazi? Undiqumbele ngani? Kwakutheni ukuze undinike aba bantu baluxanduva olunje?
12. Kakade, ngaba bakhawulwa ndim? Hayi kaloku, àbazalwa ndim; ngani ke ukuba uthi mandibasingathe oku kwempelesi egcina usana, ndibase kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo ooyise-mkhulu?
13. Kodwa kodwa ndingayizuza phi inyama, ukuze ndiphe bonke aba bantu? Kuba nâbo besoloko bebhomboloza, besithi mandibaphe inyama.