Eyasentlango 11:33-35 Ibhayibhile (XHO96)

33. Kambe kwathi esayihlafuna inyama leyo, engekayigqibi, suka wavutha umsindo kaNdikhoyo, wawabetha ngobhubhani amaSirayeli.

34. Ngoko ke igama laloo ndawo kwathiwa yiKibroti-hatava, kuba bangcwatywa apho abantu ababebawela inyama.

35. Ukusuka apho ke amaSirayeli aya kugaleleka eHazeroti, apho afika anqumama khona.

Eyasentlango 11