23. UNdikhoyo wabuza wathi: “Ucinga ukuba ikho into engaze indoyise? Nawe uza kuzibonela ukuba liwa phantsi na ilizwi lam!”
24. UMosis ke waya kumaSirayeli, wawaxelela oko kuthethwe nguNdikhoyo. Wathatha amashumi asixhenxe amadoda amakhulu, wawamisa angqonga isibingelelo.
25. UNdikhoyo ke wehla ngelifu, wafika wathetha naye. Iinkokheli ezo wazahlulela kuMoya owawukuMosis, zaza zathi ke zakuwufumana zadanduluka okwabashumayeli, nakuba zingaphindanga zenjenjalo.
26. Ezimbini kwezi nkokheli, uEldadi noMedade, zona zahlala ezindlwini zazo, azaya esibingelelweni. Kodwa uMoya wazifikela, zatsho zashumayela nazo.
27. Umfana othile wabaleka waya kuxelela uMosis ukuba uEldadi noMedade bayashumayela.
28. Ke yena uYoshuwa, unyana kaNune, owayelihlakani likaMosis kwasebutsheni bakhe, wabhekisa kuMosis wathi: “Banqande, nkosi yam, bangashumayeli!”
29. Koko ke yena uMosis waphendula wathi: “Ngaba uya ndikhweletela na? Ukuba bekuya ngam, uNdikhoyo nge-ebafaka uMoya wakhe bonke abantu bakhe, batsho babe ngabashumayeli bonke.”
30. Ke kaloku uMosis naloo mashumi asixhenxe eenkokheli bagoduka.
31. *UNdikhoyo wasuka wathumela umoya, wandulula izagwityi elwandle. Zafika zasingqonga isikhululo samaSirayeli, zibhabhazela phantsi kumphakamo omalunga nemitha enye. Zazininzi kangangokuba ubunokuhamba imini yonke ucanda phakathi kwazo.
32. Loo mini yonke ke, nobusuku bayo, nemini elandelayo, amaSirayeli aba zizingxada-ngxada eqokelela izagwityi. Nomntu owabutha kancinci akafumananga ngaphantsi kwewaka leekhilogram ubunzima. Ke inyama leyo ayeyiqwayita eyibeka ijikeleze izindlu zawo.