22. Nabo abaphantsi kwembasa yendlu kaEfrayim banduluka, amabutho ngamabutho, bebhexeshwa nguElishama, unyana ka-Amihudi.
23. Kanti ke bona abendlu kaManase babephantsi kukaGamaliyeli, unyana kaPedazure;
24. baza abendlu kaBhenjamin bakhokelwa nguAbhidan, unyana kaGidiyoni.
25. Emva ke kwakungcambaza abo baphantsi kwembasa yendlu kaDan, bengamabutho ngamabutho, bebhexeshwa nguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi.
26. Bona abendlu ka-Ashere babekhokelwa nguPagiyeli, unyana kaOkran;
27. waza yena uAhira, unyana kaEnan, wakhokela indlu kaNafetali.
28. Nantso ke indlela owawusima ngayo umngcelele wamaSirayeli eluhambeni lwawo.