13. Ukuba kukho umntu osenkathazweni, makathandaze. Ukanti xa umntu evuya, makahlabele ingoma adumise.
14. Xa umntu egula, makabize amadoda amakhulu ebandla; wona aya kumthandazela, amthambise ngeoyile egameni leNkosi.
15. Lo mthandazo uphuma elukholweni uya kumnyanga umntu ogulayo, iNkosi imbuyisele empilweni, zithi nezono azenzileyo zixolelwe.
16. Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.
17. Ewe, uEliya wayengumntu efana nathi. Kodwa wathandaza ngokuzimisela ukuba ingani imvula, ngenene labalela iminyaka emithathu enesiqingatha.
18. Waphinda wathandaza, saza isibhakabhaka sayithoba imvula, lachuma ilizwe.