Ekayakobi 4:13-17 Ibhayibhile (XHO96)

13. Makhe ndibhekise kuni nina bathi: “Namhlanje okanye ngomso siya kuya kwidolophu ethile, sifike sihlale unyaka wonke, sirhwebe sizuze imali eninzi.”

14. Nithetha nje ningayazi into eniza kuba yiyo ngomso. Nifana nje nomfa-nkungu othi uvele umzuzwana nje uphinde uphele.

15. Xa nithetha yithini: “INkosi ivuma, siya kwenza le naleya.”

16. Kodwa ke endaweni yokwenjenjalo nisuka nibe nekratshi, niqhayise; ibe ke ukuqhayisa yinto egwenxa.

17. Phofu ke yena umntu ongayenziyo imfanelo yakhe nakuba eyazi, unetyala.

Ekayakobi 4