13. Makhe ndibhekise kuni nina bathi: “Namhlanje okanye ngomso siya kuya kwidolophu ethile, sifike sihlale unyaka wonke, sirhwebe sizuze imali eninzi.”
14. Nithetha nje ningayazi into eniza kuba yiyo ngomso. Nifana nje nomfa-nkungu othi uvele umzuzwana nje uphinde uphele.
15. Xa nithetha yithini: “INkosi ivuma, siya kwenza le naleya.”
16. Kodwa ke endaweni yokwenjenjalo nisuka nibe nekratshi, niqhayise; ibe ke ukuqhayisa yinto egwenxa.
17. Phofu ke yena umntu ongayenziyo imfanelo yakhe nakuba eyazi, unetyala.