Ekayakobi 3:3-9 Ibhayibhile (XHO96)

3. Kaloku ihashe silifaka umkhala, ukuze lisilulamele, sikwazi ukulilawula ngokupheleleyo.

4. Okanye khanicinge ngenqanawa, inkulu injalo, noba ngade ityhalwe yimimoya emikhulu, kodwa ilawulwa ngentongana nje encinci, ize iye apho athanda ukuba iye khona umqhubi.

5. Lukwanjalo ke nalo ulwimi, nakuba luluncinci kangaka nje – luyagwagwisa kakhulu.Mhlawumbi makhe senze umzekelo ngehlathi: noba selilikhulu kangakanani na lingátshiswa yintlantsana nje yomlilo.

6. Nalo ke ulwimi lufana nqwa nomlilo; lululwandle lobubi. Lulelinye lamalungu omzimba wethu nje luphembelela ububi kubume bethu buphela. Ubomi bethu buphela libuntumeka ngomlilo eliwuthatha esihogweni.

7. Uluntu luyakwazi ukuzilulamisa zonke iintlobo zezidalwa – ezizitho zine kwaneentaka, ezirhubuluzayo kwanezaselwandle – yaye lukholisile ukwenjenjalo.

8. Kodwa akukho mntu ukwaziyo ukululawula ulwimi. Luyinkathazo engalawulekiyo, futhi luyityhefu.

9. Sisebenzisa lona xa sibonga sibulela iNkosi uTata wethu, ukanti sibaqalekisa kwangalo nabantu abadalwe bafuza uThixo.

Ekayakobi 3