1. Mawethu, musani ukugagamela nifune ukufundisa nonke. Kaloku niyazi ukuba thina sifundisayo siya kugwetywa ngqongqo kunabanye.
2. Sonke ngabanye siyayenza impazamo amaxesha ngamaxesha. Ke yena umntu ongaphazamiyo ekuthetheni ugqibelele, uyakwazi ukuzilawula ngokupheleleyo.
3. Kaloku ihashe silifaka umkhala, ukuze lisilulamele, sikwazi ukulilawula ngokupheleleyo.
4. Okanye khanicinge ngenqanawa, inkulu injalo, noba ngade ityhalwe yimimoya emikhulu, kodwa ilawulwa ngentongana nje encinci, ize iye apho athanda ukuba iye khona umqhubi.
5. Lukwanjalo ke nalo ulwimi, nakuba luluncinci kangaka nje – luyagwagwisa kakhulu.Mhlawumbi makhe senze umzekelo ngehlathi: noba selilikhulu kangakanani na lingátshiswa yintlantsana nje yomlilo.