16. Ngani ukuba uzenzakalise ngokusuka uzenze uchwenene welungisa,okanye ingcaphephe yesilumko?
17. Ngani ukuba ufe phambi kwexesha lakho ngokusuka ubalasele ngenkohlakalo,okanye ugqwese ngobutyhakala?
18. Bambelela kwezi zinto zombini, kungabikho oyiyekelelayo.Umntu omoyikayo uThixo uya kuwaphepha omabini la macala.
19. Ubulumko bumenza onabo abe namandlangaphezu kwabalawuli besixeko abalishumi.
20. Emhlabeni akukho mntu ulilungisaowenza okuhle kuphela angoni.
21. Musa ukuphulaphula yonke into ethethwa ngabantu,hleze ude uve isicaka sakho sikunyemba.
22. Kaloku nawe ngokwakho uyaziukuba kukaninzi ubanyelisa abanye abantu.
23. Ngobulumko bam ndayivavanya yonke le nto, ndaza ndathi:“Ndizimisele ukuba sisilumko,”kodwa ke andafikelela kubo.
24. Oko kukude kakhulu –ndithi oko kunzulu gqitha –ngubani ongaze akubhaqe?
25. Ndazinikezela ke ukuba ndiphande ndifune ulwazi,ukuze ndibuzuze ubulumko bokubhaqa isizekabani sezinto,ndibuqonde nobutyhakala benkohlakalo nokuphutha kobudenge.
26. Ndifumanise ukuba eyona nto ikrakra nangaphezu kokufa ngumfazi oliqili,ontliziyo inezabatha, ongalo zifana namakhamandela.Ke yona indoda ekholisa uThixo iyasinda kuye,kodwa ke yona engumoni uyayibambisa.