Amava Engqondi 7:11-26 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ubulumko nqwa nelifa ngokulunga;bululutho kubo bonke abaphilayo;

12. umntu bumenza akhuseleke njengokuba nemali isenjenjalo.Ewe, naku ukubalasela kolwazi: ubulumko buyabukhusela ubomi balowo unabo.

13. Khawucamngce ngemisebenzi kaThixo:Ngubani ongayolulayo into ayenze goso?

14. Ngamathuba obumnandi yonwaba;ngemihla yobubi qonda kakuhle ukuba kwale njengaleya yenziwe nguThixo.Ngoko ke akukho mntu uyaziyo into eza kwenzeka kamva.

15. Kobu bomi bam bungamampunge ndizibonile zonke ezi zinto:Ndibone umntu olungileyo efela ebulungiseni bakhe,ngokunjalo ndabona nomntu okhohlakeleyo ephila ubomi obude benkohlakalo.

16. Ngani ukuba uzenzakalise ngokusuka uzenze uchwenene welungisa,okanye ingcaphephe yesilumko?

17. Ngani ukuba ufe phambi kwexesha lakho ngokusuka ubalasele ngenkohlakalo,okanye ugqwese ngobutyhakala?

18. Bambelela kwezi zinto zombini, kungabikho oyiyekelelayo.Umntu omoyikayo uThixo uya kuwaphepha omabini la macala.

19. Ubulumko bumenza onabo abe namandlangaphezu kwabalawuli besixeko abalishumi.

20. Emhlabeni akukho mntu ulilungisaowenza okuhle kuphela angoni.

21. Musa ukuphulaphula yonke into ethethwa ngabantu,hleze ude uve isicaka sakho sikunyemba.

22. Kaloku nawe ngokwakho uyaziukuba kukaninzi ubanyelisa abanye abantu.

23. Ngobulumko bam ndayivavanya yonke le nto, ndaza ndathi:“Ndizimisele ukuba sisilumko,”kodwa ke andafikelela kubo.

24. Oko kukude kakhulu –ndithi oko kunzulu gqitha –ngubani ongaze akubhaqe?

25. Ndazinikezela ke ukuba ndiphande ndifune ulwazi,ukuze ndibuzuze ubulumko bokubhaqa isizekabani sezinto,ndibuqonde nobutyhakala benkohlakalo nokuphutha kobudenge.

26. Ndifumanise ukuba eyona nto ikrakra nangaphezu kokufa ngumfazi oliqili,ontliziyo inezabatha, ongalo zifana namakhamandela.Ke yona indoda ekholisa uThixo iyasinda kuye,kodwa ke yona engumoni uyayibambisa.

Amava Engqondi 7