Amava Engqondi 6:4-10 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kaloku ukuzalwa akumphathelanga nto loo mntwana, usuke aduke ebumnyameni, negama lakhe ligutyungelwe bubumnyama.

5. Nakuba lo mntwana engazange walibona ilanga, futhi engazange wazi nto, kodwa ke yena ukufumene ukuphumla kunaloo mntu.

6. Ewe, umdlula kude lee umntu ongaxhamlanga luyolo ebomini, noba angade aphile iwaka eliphindwe kabini leminyaka. Andithi na kaloku bonke baya ndaweni-nye?

7. Kuyo yonke imizabalazo yakhe umntu usebenzela emlonyeni,kodwa akaze anele.

8. Umntu osisilumko usigqitha ngani isityhakala?Kulinceda ntoni ihlwempu ukuyazi indlela yokuziphatha phakathi kwabantu?

9. Masanele zezo zinto sinazoendaweni yokuzikhathaza ngokunqwenela le naleya.Hayi bo, ngamampunge lawo, nqwa nokusukelana nomoya!

10. Yonke into ekhoyo sekukudala ithiywe igama layo,nento ayiyo umntu selisaziwa kakade;umntu akanako ukumelana nalowo womeleleyo kunaye.

Amava Engqondi 6