Amava Engqondi 5:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. Akunani kwaukungenzi sifungo kunokubhambathisa uze ungafezekisi.

6. Umlomo wakho mawungakukhokeleli esonweni, uze ke ube ubongoza isigidimi, usithi: “Ndiphazamile.” Ngani ukuba umkhathaze uThixo ngento oyithethileyo, ade atshabalalise umsebenzi wezandla zakho?

7. Intlaninge yamaphupha namazwi amaninzi ngamampunge. Kuphela hlonela uThixo!

8. Sukumangaliswa xa ubona abantu abahlelelekileyo becinezelwa, bengazelelelwa kummandla othile, bengenzelwa ubulungisa nokufanelekileyo. Kaloku igosa ngalinye livelelwa lelinye, aze ke xa ewomabini avelelwe ngamanye angentla kuwo.

9. Kambe ke ilizwe lilungelwa yinto yonke xa ukumkani enyamekela ukulinywa kwamasimi akhe.

10. Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.Nale ke into ngamampunge.

Amava Engqondi 5