Amava Engqondi 5:18-20 Ibhayibhile (XHO96)

18. Ke kaloku ndifumanise ukuba eyona nto ilungileyo nefanelekileyo ukuba umntu ayenze kukutya asele, akuxhamle enelisekile ukubulaleka kwakhe ngezi ntsukwana zimbalwa aziphiwe nguThixo apha phantsi kwelanga. Kaloku eso sisabelo sakhe.

19. Ewe, umntu xa ephiwe ubutyebi nezinye izinto eziphathekayo, aze futhi uThixo amnike inyhweba yokuzixhamla ezo zinto, kufuneka akuxhamle enombulelo ukubulaleka kwakhe – kaloku eso sisipho esivela kuThixo.

20. Ngenxa yolo lonwabo aluphiwe nguThixo, umntu utsho angabi sazikhathaza ngobungakanani bobomi bakhe.

Amava Engqondi 5