15. Mhla wavela umntu uzalwa ngunina ezé;mhla andulukayo uhamba kwangolo hlobo eze ngalo.Kuko konke ukubulaleka kwakhe umntu apha emhlabeniumka engaphathanga nto ngesandla sakhe.
16. Ewe ngenene, ibuhlungu le meko!Umntu umka eyiloo nto ebefike eyiyo.Kumncede ntoni ke ukusebenzela ilize?
17. Kananjalo imihla yobomi bakhe yonke uyidlela ebumnyameni,egutyungelwa ziinkathazo neenzingo nomsindo.
18. Ke kaloku ndifumanise ukuba eyona nto ilungileyo nefanelekileyo ukuba umntu ayenze kukutya asele, akuxhamle enelisekile ukubulaleka kwakhe ngezi ntsukwana zimbalwa aziphiwe nguThixo apha phantsi kwelanga. Kaloku eso sisabelo sakhe.
19. Ewe, umntu xa ephiwe ubutyebi nezinye izinto eziphathekayo, aze futhi uThixo amnike inyhweba yokuzixhamla ezo zinto, kufuneka akuxhamle enombulelo ukubulaleka kwakhe – kaloku eso sisipho esivela kuThixo.
20. Ngenxa yolo lonwabo aluphiwe nguThixo, umntu utsho angabi sazikhathaza ngobungakanani bobomi bakhe.