Amava Engqondi 5:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lumka, ugqale ukunyathela kwakho xa usiya endlwini kaThixo. Xa usiya khona hamba ngeenjongo zokuphulaphula endaweni yokwenza amadini njengezityhakala ezingaziyo ukuba zenza ubugwenxa.

2. Qiqa phambi kokuba uthethe;musa ukungxama ukwenza izithembiso kuThixo.Kaloku yena usezulwini, ube ke wena ulapha emhlabeni;ngoko ke amazwi akho makabe mbalwa.

3. Ubuninzi bemicimbi bubanga amaphupha;ubuninzi bamazwi kuhamba nentetho yobutyhakala.

Amava Engqondi 5