17. Ndagqiba kwelithi: “UThixo uza kugweba bonke, abalungileyo nabakhohlakeleyo, kuba umise ixesha layo yonke imicimbi nazo zonke izenzo.”
18. Ndagqiba ngelithi: “UThixo uyaluvavanya uluntu, efuna ukuba luqonde ukuba alwahluke kuya phi ezilwanyaneni.
19. Kaloku isiphelo somntu siyafana nesesilwanyana. Ukufa kubabopha ngentambo enye ngokufanayo. Ewe, umoya mnye emntwini nasesilwanyaneni. Ke umntu akasidluli nganto isilwanyana. Yonke into ingamampunge.