Amava Engqondi 10:10-13 Ibhayibhile (XHO96)

10. Xa izembe libuthuntu, lingalolwanga,kufuneka ubethe ngamandla ngalo.Kodwa ke bubuchule into enika impumelelo.

11. Inyoka kufuneka ilalaniswe ngaphambi kokuba imlume umntu,kuba xa seyimlumile akusancedi lutho kumlalanisi wayo.

12. Anendili amazwi aphuma emlonyeni wesilumko,ukanti ke sona isityhakala sizitshabalalisa ngemilebe yaso.

13. Siqala ngokulavuza,size sigqibele sesiwanqa impambano.

Amava Engqondi 10