Amava Engqondi 10:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Iimpukane ezifileyo zingasonakalisa isiqholo sitsho sibile sinuke,ngokunjalo nentwana nje yobutyhakala ingabutshabhisa ubulumko ndawonye nesidima.

2. Intliziyo yesilumko isitsho sibe namandla;kanti ke eyesityhakala isitsho sibe buthathaka.

3. Noba isityhakala sesihamba ngendlela, sibonakala kubo bonke ukuba simuncu.Umntu onjalo uzicacisa nakubani na ukuba usisiyatha.

Amava Engqondi 10