4. Akukho nto indonwabisa njengokuva ukuba abantwana bam bahlala bethe ngcembe enyanisweni.
5. Mhlobo endimthandayo, hayi ukuba nenyameko kwakho kumsebenzi owenzela amakholwa – nditsho nalawo angabahambi!
6. Ayibalisile apha ebandleni indlela obuwaphethe kakuhle ngayo. Seluwanceda ke naseluhambeni lwawo, ngohlobo olukholisa uThixo.
7. Kaloku ahamba esiya kwenza umsebenzi kaKrestu. Akafumani nkxaso ke kwabo bangengomakholwa.