1. Ke kaloku uElisha wayethethe nalaa mfazi wayephilise unyana wakhe, wathi: “Khawuhambe uye kuzifunela indawo yokuhlala noba kuphi na apho ungayizuza khona, ze ukhe uthi chu khona okwexeshana, kuba *uNdikhoyo umisele imbalela eya kuthatha iminyaka esixhenxe kulo mhlaba.”
2. Umfazi lowo ke wenza njengoko wayeyalelwe ngumfo wakwaThixo. Wemka nosapho lwakhe, waya kuhlala kwelamaFilistiya loo minyaka isixhenxe.
3. Emva kwaloo minyaka isixhenxe wabuya ke kwelamaFilistiya, waza waya kucela indlu nentsimi yakhe kukumkani kwelo lakowabo.
4. Ke ukumkani wathetha noGehazi ihlakani lomfo wakwaThixo, wathi: “Khawundixelele ngayo yonke imisebenzi emikhulu eyênziwa nguElisha.”
5. Uthe ke uGehazi esachubela ukumkani indlela uElisha awayebaphilisa ngayo nabafileyo, suka umfazi lowo waphiliselwa unyana wakhe nguElisha, wangena, eze kucela indlu nentsimi yakhe kukumkani kwelo lakowabo.UGehazi ke wathi: “Tyhini, nanku loo mfazi, mhlekazi kumkani! Naloo nyana wakhe wavuswa efile nguElisha, nguye lo.”
6. Ukumkani ke walanda loo ngcombolo apho kuye, waza ke wamchazela.Ngoko ke ukumkani wamnikezela kwesinye isicaka, wathi kuso: “Nika lo mfazi yonke into eyeyakhe, ndawonye nengeniso yomhlaba wakhe ukusukela kumhla walishiya eli lizwe kude kube namhlanje.”