6. Kaloku *uNdikhoyo ama-Aram lawo wawenza eva isandi seenqwelo namahashe, kwaba ngathi kuza umkhosi omkhulu. Ngoko ke athetha-thethana athi: “Niyabona ukumkani wakwaSirayeli uqeshe ookumkani bamaHiti nookumkani baseJiputa ukuze basihlasele.”
7. Ngoko ke ama-Aram lawo asuka abaleka ngongcwalazi, ashiya konke: iintente, namahashe, needonki zawo. Ikampu yawo leyo ayishiya injalo, asindisa ubomi bawo kuphela.
8. Loo madoda ayeneqhenqa ke afika emacaleni ekampu leyo, aza angena kwenye yeentente ezo. Hayi ke, azenzela atya, asela, ade aziphathela isiliva, igolide, nempahla yokunxiba, emka nazo, aya kuzifihla. Aphindela abuyela kwenye intente, nalapho azithathela izinto, aya kuzifihla nazo.
9. Asuka athi enye kwenye: “Asilungisi xa sisenjenje. Le yimini yeendaba ezimnandi, ibe ke thina naku sizigcine kuthi. Ukuba siyalinda kukhanye siya kufikelwa sisohlwayo. Ngoko ke masihambe kwangoku, siye kuxela ezi ndaba komkhulu.”
10. Ahamba ke, afika abiza abalindi bamasango, abaxelela athi: “Besiye phaya kwikampu yamaSiriya, saza safika kungekho nalo mnye umntu khona. Hayi, akukho nesandi esi somntu khona! Into ekhoyo ngamahashe, needonki ezibotshelelweyo. Iintente zisenjengoko bezinjalo nazo.”
11. Abalindi-masango ke nabo bakhwaza babhengeza iindaba ezo apho komkhulu.