Iphakathi elo ke lalithe apho kuloo mfo wakwaThixo: “Noba uNdikhoyo ebengade enze iifestile ezulwini ibingenakuze yenzeke into enjalo.” Umfo wakwaThixo yena wayethe: “Le nto ndiyithethayo ke uya kuyibona ngala wakho amehlo, kambe ke kona ukutya soze ukufake kuloo mlomo wakho.”