12. Ukumkani wavuka ebusuku njalo, wathetha namaphakathi akhe, wathi: “Nantsi into asenze yona ama-Aram. Ayazi ukuba siyalamba, ngoko ke ayishiyile ikampu yawo, aya kuzimela emaphandleni, esithi: ‘Xa bephuma esixekweni siya kubabamba bephila, size ke sisifikele isixeko.’ ”
13. Elinye iphakathi lathi: “Masikhuphe amadoda athile, athathe amahashe amahlanu kwaseleyo apha esixekweni. Isiphelo sawo sofana nawo onke amaSirayeli, la asele apha esixekweni. Ewe, nawo oba selelindelwe kukufa njengawo onke amaSirayeli. Ngoko ke masiwathume ukuba aye kuqonda ukuba kuhle ntoni na.”
14. Ngoko ke bakhetha iinqwelo ezimbini namahashe azo, waza ukumkani wazithumela ekhondweni lomkhosi wama-Aram, esithi: “Hambani niye kuqonda ukuba kuhle ntoni na.”
15. Awalandela ke ada aya kufika eJordan. Yonke ke loo ndlela ayifumana ineempahla nezixhobo zama-Aram, zifane zathi saa, oko bezishiywe ngama-Aram xa abalekayo. Zajika ke ezo zigidimi, zaya kuxelela ukumkani.
16. Baphuma ke abantu, bafika bazenzela kuloo kampu yama-Aram. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke iikhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa ngokunjalo nesithandathu seekhilogram zerhasi zathengiswa ngesiliva enye kuphela.