27. Ukumkani waphendula wathi: “Xa ungenakuncedwa *nguNdikhoyo, uthi mna mandiluthathe phi uncedo? Esandeni okanye kwisixovulelo sewayini?”
28. Waza wambuza wathi: “Ingxaki yakho yintoni?”Umfazi lowo waphendula wathi: “Lo mfazi uthe mandincame unyana wam simtye, ukuze ngemini elandelayo sitye owakhe unyana.
29. Ngoko ke sampheka unyana wam, samtya. Ngomhla olandelayo ke, ndithe ndakuthi kuye makeze nonyana wakhe simtye, suka wamfihla.”
30. Akuyiva loo mbali ukumkani wasuka wazikrazula izambatho zakhe. Bathi bakumjonga abantu ehamba apho eludongeni, bafumanisa ukuba emzimbeni unxibe ezirhwexayo.
31. Wathi: “UThixo makandohlwaye nokuba kuqatha kangakanani na ukuba ndithe namhlanje ndayiyeka ihleli kuye intloko kaElisha unyana kaShafati!”
32. Ke uElisha wayesendlwini yakhe, ehleli namadoda amakhulu. Ukumkani wathumela isigidimi, kodwa sathi singekafiki uElisha wathetha namadoda amakhulu lawo, wathi: “Kanti aniboni, naso esi sigwinta sithumela umntu ukuba andinqumle intloko! Niyabona ke, ze nithi sakufika eso sigidimi niluvale ucango, niluqinise, singabi nako ukungena. Kaloku izingqi zenkosi yaso nazo emva kwaso.”
33. Esathetha nawo njalo, sagaleleka isigidimi. Ke ukumkani wathi: “Le ntlekele ivela kuNdikhoyo. Ngani ke ukuba ndibe salindela uNdikhoyo?”