2 Yookumkani 6:14-17 Ibhayibhile (XHO96)

14. Waza ke wathumela amahashe neenqwelo nomkhosi owomeleleyo. Bafika ngobusuku, basingqinga isixeko eso.

15. Sithe ke sakuvuka isicaka somfo wakwaThixo, ekuseni ngentsasa elandelayo, sabona kuthe thinte umkhosi, ingamahashe neenqwelo, isixeko usingqingile. Isicaka sathi kuye: “Yaz'ba siya kuthini na, nkosi yam?”

16. Ke yena umshumayeli wathi: “Hayi, musa ukoyika! Aba bangakuthi baninzi kunabo bangakubo.”

17. UElisha wathandaza wathi: “Ndikhoyo, khawuwavule amehlo akhe, ukuze abone.” UNdikhoyo ke wawavula amehlo esicaka eso, saza sathi sakukhangela sabona intaba inyakazela ngamahashe neenqwelo zomlilo, ziphahle uElisha.

2 Yookumkani 6