2 Yookumkani 22:18-20 Ibhayibhile (XHO96)

18. Mxeleleni ukumkani wakwaJuda onithume ukuba nize kubuzisa kuNdikhoyo nithi: La ngamazwi athethwe nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngokunxulumene namazwi owevileyo.

19. Ke ngenxa yokuba wena uhlabekile, waza wazithoba kum wakuweva amazwi endawathethayo ngokubhekiselele kule ndawo nabantu bayo, xa ndandisithi baqalekisiwe, futhi le ndawo iya kwenziwa ibe yinkangala, wena ke ngenxa yokuba usuke walila wazikrazula izambatho zakho, mna Ndikhoyo ndithi ndikuvile.

20. Ngoko ke ndiya kukubuyisela kooyihlo, ungcwatywe ngoxolo. Awakho amehlo akasayi kusibona isithwakumbe endiza kusithoba phezu kweli lizwe.’ ”Loo mpendulo ke bâya kuyixelela ukumkani.

2 Yookumkani 22