1. Ngelo thuba ke ukumkani uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. *Umshumayeli uIsaya, unyana ka-Amozi, waya kumbona, waza wathi kuye: “*UNdikhoyo uthi: ‘Lungisa imicimbi yomzi wakho ime kakuhle, kuba uza kufa, awuzukuphila.’ ”
2. Ke uHezekiya wasuka wafulathela, wajonga eludongeni, wathandaza kuNdikhoyo wathi:
3. “Khumbula kaloku, Ndikhoyo, ukuba oko ndakunqulayo ndikukhonza ngentembeko nokunyaniseka, ndaba soloko ndihamba ngokomyalelo wakho.” Suka ke wangqukruleka kabuhlungu.
4. Uthe ke uIsaya engekaphumi kwindlu ephakathi, labe ilizwi likaNdikhoyo selifikile kuye. Lalisithi: