3. Wênza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo njengoyise-mkhulu uDavide.
4. Wazibhangisa iindawo eziphakamileyo zonqulo, wawaqhekeza amatye awodwa onqulo, wazigawula iintsika zika-Ashera. Wayikroboza inyoka yobhedu eyayenziwe nguMosis. Kaloku ukuza kuthi ga kwelo thuba amaSirayeli ayeyenzela iziqhumiso, kusithiwa nguNehushtani.
5. UHezekiya yena wakholosa ngoNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Kubo bonke ookumkani bakwaJuda akuzange kubekho ofana naye, ngaphambili nangasemva kwakhe.