17. AmaSirayeli afaka oonyana neentombi zawo emlilweni, esenza amadini ngabo. Ewe, angena kwimikhwa yokuvumisa, ahamba nakoosiyazi, azinikezela ekwenzeni okubi emehlweni kaNdikhoyo, emcaphukisa.
18. Ngoko ke *uNdikhoyo wakhathazeka gqitha, waza wawasusa amaSirayeli phambi kwakhe, akwasala namnye ngaphandle nje kwendlu kaJuda.
19. Kanti nayo leyo ayiyithobelanga imithetho kaNdikhoyo uThixo wayo. Nabo bangena ekhondweni lemikhwa eyaqalwa nguSirayeli.