2 Yookumkani 15:9-15 Ibhayibhile (XHO96)

9. Naye wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengooyise. Zange ashenxe kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo.

10. Ke kaloku uShalum unyana kaYabheshe wamenzela iyelenqe uZakariya. Wamhlasela phambi kwabantu wambulala, waza wangena ezihlangwini zakhe wangukumkani.

11. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaZakariya nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

12. Lazaliseka ke ilizwi likaNdikhoyo awalithetha kuYehu lisithi: “Indlu yakho iya kumlawula uSirayeli kude kube sisizukulwana sesine.”

13. Ke kaloku uShalum unyana kaYabheshe waba ngukumkani wakwaSirayeli kunyaka wamashumi amathathu anethoba u-Uziya engukumkani wakwaJuda, walawula inyanga yanye eSamariya.

14. Kwasuka uMenahem unyana kaGadi eTirza, waya eSamariya, wafika wahlasela uShalum, unyana kaYabheshe, wambulala, waza wangena esikhundleni sakhe.

15. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaShalum, neyelenqe awaliqulunqayo, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

2 Yookumkani 15