11. Ithe ke imali yakuba sisixa esithile, bayithatha bayinikela kwabo babemiselwe ukongamela umsebenzi wendlu kaThixo. Ngayo ke bahlawula abo babesebenza endlwini kaNdikhoyo, abachweli, nabakhi,
12. nabavusi beendonga, nabakroli bamatye. Bathenga imithi namatye ahonjisiweyo okulungisa indlu kaNdikhoyo, bahlawula zonke iindleko zokuhlaziya indlu kaThixo.
13. Le mali yayiziswe endlwini kaThixo ke ayichithwanga ekwenzeni izitya zesiliva, izikhwezeli, izitya zokutshiza, amaxilongo, nayo nayiphi na into yendlu kaNdikhoyo eyenziwe ngegolide okanye isiliva,
14. koko ngayo kwahlawula abasebenzi, baza bahlaziya indlu kaThixo ngayo.
15. Zange bafune nkcukacha kwabo babebanikela ukuba bahlawule abasebenzi, kuba babesebenza ngokunyaniseka.
16. Ke yona imali yeminikelo yobutyala neyamadini esono yayingeziswa endlwini kaNdikhoyo, kuba yayiyeyababingeleli.