2 Yookumkani 12:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ngonyaka wesixhenxe kaYehu uYowashe waba ngukumkani, waza walawula eJerusalem iminyaka emashumi mane. Unina yayinguZibheya intombi yaseBheshebha.

2. Ngalo lonke ixesha eboniswa ngumbingeleli uJoyada uYowashe wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo.

3. Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zitshatyalaliswe, abantu baqhuba benqula kuzo, besenza amadini, betshisa iziqhumiso.

4. UYowashe wathetha nababingeleli, wathi: “Qokelelani yonke imali eyiminikelo eziswa endlwini kaNdikhoyo; imali eqokelelwe ngobalo, imali yezifungo zabantu, ndawonye nemali eziswa endlwini kaThixo ngabo bazivayo.

5. Umbingeleli ngamnye makathathe imali komnye woonondyebo, ize isetyenziswe ekulungiseni nawuphi na umonakalo ofumaneka endlwini kaThixo.”

6. Kodwa ke yada yaba ngunyaka wamashumi amabini anantathu kakumkani uYowashe ababingeleli bengekayihlaziyi indlu kaThixo.

2 Yookumkani 12