1. Ke kaloku ngonyaka wesixhenxe kaYehu uYowashe waba ngukumkani, waza walawula eJerusalem iminyaka emashumi mane. Unina yayinguZibheya intombi yaseBheshebha.
2. Ngalo lonke ixesha eboniswa ngumbingeleli uJoyada uYowashe wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo.
3. Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zitshatyalaliswe, abantu baqhuba benqula kuzo, besenza amadini, betshisa iziqhumiso.
4. UYowashe wathetha nababingeleli, wathi: âQokelelani yonke imali eyiminikelo eziswa endlwini kaNdikhoyo; imali eqokelelwe ngobalo, imali yezifungo zabantu, ndawonye nemali eziswa endlwini kaThixo ngabo bazivayo.