2 Yookumkani 11:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. UAtaliya unina ka-Ahaziya wathi akubona ukuba unyana wakhe ufile, wasuka wayitshabalalisa yonke indlu yakomkhulu.

2. Ke yena uYoshebha, intombi kakumkani uYehoram, engudade boAhaziya wasuka weba uYowashe unyana ka-Ahaziya, wemka naye apho phakathi kweenkosana ezaziza kubulawa, wamfihla neneni yakhe kwigumbi lokulala, emzimelisa kuAtaliya. Ngaloo ndlela ke wasinda ekufeni.

3. Wahlala ezinyeliswe naloo neni ke apho endlwini *kaNdikhoyo kwada kwayiminyaka emithandathu, xesha elo wayesalawula uAtaliya.

4. Ngonyaka wesixhenxe umbingeleli uJoyada wabiza iingqawyi-ngqwayi ezikhokela abalindi basebhotwe nababekomkhulu jikelele, waza wathi maziye endlwini kaThixo, zenze isifungo, zinqophisane ukumxhasa kwinto awayeyicebisa. Wazibonisa uYowashe unyana kakumkani uAhaziya.

5. Waziyala wathi: “Nina maqela mathathu asebenzayo *ngoMhla woPhumlo, iqela lokuqala loba sebhotwe,

6. elesibini libe kwisango iShure, lize elesithathu libe sesangweni elisemva kwabalindi abo babolekisana ngokulinda indlu kaThixo.

2 Yookumkani 11