34. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaYehu, nayo yonke imisebenzi nemizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkai bakwaSirayeli.
35. UYehu waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa eSamariya. UYowahazi unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.
36. Ithuba lolawulo lukaYehu kwaSirayeli eSamariya yaba ngamashumi amabini anesibhozo eminyaka.