14. Waza wathi: “Babambeni besaphila!” Bababamba ke, bababulala ngakwiqula laseBhete-ekedi. Yayingamashumi amane amadoda; akasindisanga nalo mnye umntu.
15. Akudlula apho wadibana noYonadabhi unyana kaRekabhi owayehlangabeza yena. UYehu wambulisa wathi: “Ngaba nawe ungakum kwanjengokuba nam ndingakuwe?”UYonadabhi waphendula wathi: “Ewe, kunjalo.”UYehu wathi: “Xa kunjalo, ethe isandla.” Wenjenjalo ke, waza ke uYehu wamkhwelisa apho enqwelweni yakhe.
16. UYehu wathi: “Yiza uze kubona ukumzondelela kwam uNdikhoyo.” Baza ke bahamba kunye ngenqwelo leyo.
17. Akufika eSamariya uYehu wabulala bonke ababesele bendlu ka-Ahabhi, wabatshabalalisa mpela ngokwelizwi elathethwa *nguNdikhoyo kuEliya.
18. UYehu wabaqokelela bonke abantu, wathi kubo: “UAhabhi wayemnqula kancinci uBhali, kodwa ke mna ndiza kumnqula kakhulu.