2 Yeziganeko 9:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. Makabongwe uNdikhoyo uThixo wakho, yena ukholisekileyo nguwe waza wakubeka esihlalweni ukuze ulawule esikhundleni sakhe. UThixo wakho uyamthanda uSirayeli, yaye ke ufuna ukumxhasa naphakade, kungoko ke amise wena ukuba ube ngukumkani wamaSirayeli ukuze uzinzise umthetho nobulungisa.”

9. Ke ukumkanikazi waseShebha wanika uSolomon igolide ebunzima bungaphezu kweekhilogram ezingamawaka amane, kunye nentaphane yezinongo, namatye exabiso. Ezingako zona izinongo azizange zibekho njengezo zanikwa ukumkani uSolomon ngukumkanikazi waseShebha.

10. Ke amadoda kaHiram nalawo kaSolomon eza negolide eOfire, kunye nomthi wom-algumi namatye exabiso.

11. Ngaloo mthi wom-algumi ke ukumkani wenza amanqwanqwa okungena endlwini kaNdikhoyo nakwibhotwe lakhe, waza ngenxalenye yawo wenzela iimvumi iihapu nemirhubhe. Ezinjalo zazingazange zabakho kwaJuda.

12. Ukumkani uSolomon wanika ukumkanikazi waseShebha konke awayekunqwenela nawayekucela; wamnika nangaphezu kwezinto awayeze nazo kuye. Ke ukumkanikazi lowo ekunye namaphakathi akhe bajika babuyela kwelakowabo.

13. Minyaka le ukumkani uSolomon wayefumana igolide ebunzima bukwisithuba samashumi amabini anantathu amawaka eekhilogram,

14. ngaphandle kwengeniso eyayisiza nabarhwebi nabashishini. Kananjalo ookumkani belama-Arabhu nabalawuli belizwe elo baberhuma ngegolide nesiliva kuSolomon.

15. Ukumkani uSolomon wenza amakhulu amabini amakhaka amakhulu. Ikhaka ngalinye lalityatyekwe ngegolide ekhandiweyo ebunzima bukwisithuba seekhilogram ezisixhenxe.

16. Wenza namakhaka amancinci angamakhulu amathathu, ngalinye kuwo lityatyekwe ngegolide ekhandiweyo ebunzima bukwisithuba seekhilogram ezimbini. Ke ukumkani wawabeka kwibhotwe elibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon.

17. Ukumkani wenza isihlalo sobukhosi. Sasisikhulu, sihonjiswe ngamabamba eendlovu, sityatyekwe ngegolide ecwengileyo.

18. Esi sihlalo sasinamanqwanqwa okunyuka amathandathu kunye nendawo yokubeka iinyawo eyenziwe ngegolide ithe nca kwalapho kuwo. Macala eso sihlalo sasineendawo zokubeka iingalo, kananjalo kukho nemifanekiso emibini yeengonyama isiphahlile.

19. Kuloo manqwanqwa okunyuka amathandathu kwakumi iingonyama ezilishumi elinambini, zingambini ziphahle inqwanqwa ngalinye. Enjalo yona into yayingazange yenziwa nakubuphi na ubukumkani.

20. Yonke impahla yokusela kakumkani uSolomon yayiyeyegolide, kananjalo nayo yonke impahla yebhotwe elalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon yayiyigolide ecikizekileyo. Kwakungekho nto eyayenziwe ngesiliva, kuba kaloku ngemihla kaSolomon isiliva yayingaxabisekanga.

2 Yeziganeko 9